



2 BONA XHOSA - November 1996


	NOVEMBA
OKUNGAPHAKATHI

Bhotani Bafundi,

Sekumbovu uphele unyaka. Ngoko ngaba yintoni eyenze eli xesha lingafani namanye amaxesha onyaka? Okokuqala, uninzi lwenu luza kuba luxakekile lulungiselela iimviwo. Sininqwenela
impumelelo kwiimviwo zenu!

Kukho nabo balindele ukuba aqalise amatheko. Amakhasi ethu empilo akulumkisa ngeengozi zokutshaya nezokusela! Zama ukuzonwabisa ngokungazenzi ngokugqithisileyo ezi zinto.

Kwaye kuTyhila Ufunde lixesha lokuba azibonakalise. Sesicebela unyaka ka-1997. Ngoko ke xa unezinto onqwenela ukuba sibhale ngazo kwesi sihlomelo, lixesha lokuba usixelele ngazo.



UKHUPHISWANO
Nali elinye ithuba
Lokuzuza iOxford
Dictionary !

Funda amakhasi omthetho uze uphendule lo mbuzo ulandelayo:

Yimalini ukutshintsha igama lomnini womzi ubizwe ngegama lakho?

impendulo                             Igama                                


Idilesi                                 





Thumela le khuphoni uyincamathisele kwiposkhadi kule dilesi : Housing Competition , Look and Learn , PO Box 35677, Northway , 4065. Olu khuphiswano luya kuvalwa ngomhla wama-2- kuNovemba ka-1996.

Amabali Amafutshane

Phulaphula Ufunde!

Ukufunda ukubhala nokufunda

Ukutsala umnxeba

Imisebenzi

Iihotele neeholide

Ungcelele Lwesondo

Amantombazana Namakhwenkwe!


Better English
How to write well


Umthetho
Ukuthenga umzi


Impilo Yakho
Ubomi obuhle


Okuqhubeka emfundweni
Uphengululo lweencwadi


Iileta Zenu


Amanqaku emfundo akuTyhila Ufunde aveliswa yiMedia - in Education neStreet Law Project . Amanqaku ahlelwa nguSeery. I-DTP nokuVeliswa kwayo kwenziwa nguSaly Giles . Umfanekiso ongaphandle ufotwe nguNatal Newspapers










BONA XHOSA - November 1996 3
Abafundi Abatsha
AMABALI AMAFUTSHANE

Ukhe wawuvula unomathotholo wakho kutshanje ukuze uphulaphule amabali amafutshane aseMazantsi eAfrika? Ngaba ukhe wazifunda izicatshulwa zala mabali kuTyhila Ufunde wenyanga ephelileyo? Awukhange uwafunde? Ukuba

kunjalo ke usenalo ithuba lokuphulaphula Ulwazi Educational Radio nesi


sihlomelo kwiNational Reading Campaign - Uphulaphula Ufunde!

ILizwe elifundayo!



UTyhila Ufunde noUlwazi Educational Radio Project ibibalisa amabali ukususela ngoSeptemba abhalwe ngababhali baseMazantsi eAfrika. Ngaba ukhe waweva la mabali kunomathotholo? Ngaba uzifundile izicatshulwa okanye uzifundile iincwadi kumathala eencwadi? La mabali akafani yaye onke amnandi!

INational Reading Campaign iza kuqhubeka de kube nguDisemba . Zibandakanye nayo ngoku! Khuthaza abahlobo bakho ukuba bawafunde yaye bawaphulaphule. Kule nyanga sikubalisela amabali ofanele uweve kunomathotholo. Siza kukucaphulela

kwincwadi kaCan Themba.

Amanye amabali!
Makhe sithethe ngamabali onokuweva ngoNovemba noDisemba :
Ukubulawa kukaKumkani uHintsa
(Libhalwe ngesiXhosa nesiTswana kuphela)
UHintsa wayeyiKumkani yamaXhosa ebutsheni boo-183O. Wathinjwa wabulawa ngamajoni aseBritani kwiimfazwe zaseMpuma-Koloni. Imfazwe yaseXhoxo yiyo eyakhokela ekubulaweni kwakhe. Nali ibali lokubulawa kwakhe.

IThe Pool ebhalwe nguSir
Percy FitzPatrick
Amadoda amathathu aye eDe Kaap eyofuna ubutyebi. Balala kufutshane nomthombo
wamanzi entlango. Ngorhatya enye yala madoda, egama linguJim , yathi makaqubhe. Eli chibi kuthiwa liyabiza baze abahlobo babaliselane amabali abakhe baweve ngalo.

UJim uya kuqubha nangona kunjalo. Uthe esaqubha wafikelwa ziingcinga ezoyikisayo. Ezo ngcinga zibonakala xa ebalisele abahlobo bakhe akubone emanzini - amadoda amabini antsundu aboshwe adityaniswa!

IHeaven is not closed - ebhalwe nguBessie Head
Eli bali lisekelwe ekunqubaneni kweenkolo ezimbini
- eyobuKrestu neyamasiko esiTswana. Eli bali lingobomi bukaGalethebege, ibhinqa alalikholelwa kakhulu kubuKrestu . Lizifumana lisengxakini ngokuthandana noRalokae, indoda ethanda amasiko nechaseneyo necawe. Uyatshata nale ndoda kodwa aqhubeke nokuhamba icawe.
Akusweleka uRalokoe, uGalathebege uya kushumayela ezitratweni . Abantu bathi ucela uThixo ukuba amxolele aze amvulele nendoda yakhe ezulwini. Bathi izulu lingavalwa njani ebantwini ebebethandana?

IScenes from Heaven in not closed - ibali elibhalwe nguBessie Head







Abafundi Abatsha

AMABALI AMAFUTSHANE

UCan Themba
UCan Themba ngumbhali owaziwayo waseMzantsi-Afrika owayelilungu leDrum School of Writers . Wazalelwa eMarabastad , cebu kuhle ePitoli ngo-1924. Emva kokufunda eFort Hare , wafundisa eMadibane High School kanti ukhe wayintatheli yemagazini iDrum .

Amabali awabhalileyo
UCan Themba waziwa ngamabali akhe amafutshane.
Amabali amaninzi aqokelelwa ashicilelwa kwiThe Will to Die emva kokufa
kwakhe ngo-1968. Kule nyanga uTyhila Ufunde ukucaphulele elinye lamabali lakhe elithi The Suit . Ukhumbule ukuphulaphula unomathotholo ukuze ulive lonke ibali!








































         
	
	
UPhilemon ufika kwakhe umkakhe, uMatilda , elele nenye indoda. Ufikelwa ngumsindo. Umohlwaya ngokuba apheke ukutya nokuba aphathe isuti nokuba uyaphi na njengesithandwa sakhe. Uthe emva kokuhlazeka kwakhe wazibulala phambi kwabantu.

Ngoku masive indlela UPhilemon eva ngayo ukuba umkakhe uyakrexeza.

UMaphikela wayemi kwizindlu zokulinda ibhasi ecaleni kwendlela. UPhilemon wamqaphela ngokungxolisa kwakhe amakhwenkwe anxibe iikhakhi . Baya kunye edolophini , kodwa kwathi ngokuziphatha kukaMaphukela UPhilemon waqonda ukuba kukho into aza kuyithetha. Mhlawumbi uza kuboleka imali . Ekugqibeleni, uMaphikela wathetha

Kuzobe uGill Nicholson
Nyana, watsho kalusizi, ukuba bendingayenzanga le nto, kodwa umkam uyandikhathaza ngokungakuxeleli le nto.

Akazange abe nguMaphikela oqhelekileyo othethela phezulu, waza wamangaliswa UPhilemon .

Qhubeka tata, ndimamele, watsho. Uyazi ukuba mna ungandixelela nantoni na.

Yancuma indoda endala yaza yathi "Eneneni le nto ayifuni thina wena. . .kodwa ke uthe umfazi. ..iyandicaphukisa kwayile nto! Iyandicaphukisa into eyenziwa ngaba bafazi".Emva koko wakhawuleza wathi "Ndiyabona ukuba kukho umfana odla ngokutyelela umkakho kusasa kwezi nyanga zintathu zidlulileyo. Umkam uthi akuyazi wena loo nto".

Oko akuzange kumothuse kakhulu. Yaba yinto ebuhlungu yona eyamtsho waphelelwa ngamandla".





Iifowuni zibaluleke kakhulu kule imhla. Unokufowunela usapho nabahlobo abahlala kwesinye isixeko.Unokufumana iingcombolo ngemisebenzi neendawo onokwenza izicelo kuzo. Kwenzeka ntoni xa ungenayo inombolo yendawo ofuna
ukufowunela ? Uyifumana phi? Tyhila Ufunde uyakuchazela...
Konke ngokutsala umnxeba

ABAFUNDI ABABTSHA BELI

NOKUFUNDA



Baninzi abantu abasebenzisa ifowuni yonke
imihla. Bathetha nabahlobo nezalamane.
ukufowuna kuyinxalenye yomsebenzi wabo.
Ngaba bazifumana njani iinombolo abazifunayo?
Bazi njani ukuba bafanele bathethe neenkampani ?

Ukusebenzisa ifowuni kulula. Ngokuyisebenzisa rhoqo ukufunda lula ukuyisebenzisa. Kule nyanga uTyhila Ufunde ukuchazela konke ofanele ukwazi ngokusebenzisa ifowuni . Sikubonisa indlela
yokufumana iinombolo , eyokusebenzisa ifowuni nokuthatha imiyalezo. Zama ukuyisebenzisa!

Incwadi yeenombolo zefowuni
Itelephone directory ineenkcukacha ezininzi. Unokufumana iinombolo zefowuni , iikhowudi zeedolophui ezohlukeneyo needilesi zabantu nezeendawo ezahlukeneyo; Unokufumana nendawo onokulinga kuyo inombolo xa ingasebenzi.


	AbakwaMondi Paper bafundisa wonk umntu

	AbakwaMondi Paper bavuyisana neBona ngempumelelo yeminyaka engama-40

	Inkampani ephambili kweli ekuvelisenu amaphepha ekushicilela, awoshishino awokufundisa

	AbakwaMondi Paper havuyisana neBona xa igqiba iminyaka engama-40 yaye isiya isomelela

